Imizekeliso 6:13-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Útyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo,Walatha ngophakathi wakhe.

14. Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke,Úngenisa ingxabano.

15. Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe;Úya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.

16. Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova,Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:

17. Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo;Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;

18. Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga;Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;

19. Lingqina elixokayo, elifutha amanga;Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.

20. Nyana wam, bamba umthetho kayihlo,Ungasilahli isiyalo sikanyoko.

21. Sibophe entliziyweni yakho okukanye,Usinxibe emqaleni wakho.

22. Ekuhambeni kwakho sókukhapha;Ekulaleni kwakho sókugcina;Ekuvukeni kwakho sóncokola nawe.

23. Ngokuba úsisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo;Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;

24. Ukuba ugcínwe kumfazi onobubi,Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.

25. Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho,Angàkubambisi ngeenkophe zakhe;

26. Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka;Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.

27. Umntu únokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe,Zingàtshi na iingubo zakhe?

Imizekeliso 6