Imizekeliso 6:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi,Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.

12. Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo,Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;

13. Útyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo,Walatha ngophakathi wakhe.

14. Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke,Úngenisa ingxabano.

15. Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe;Úya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.

16. Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova,Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:

Imizekeliso 6