Imizekeliso 6:10-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Xa uthe, Intwana yobuthongo, intwana yokozela,Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:

11. Boza ubuhlwempu bakho njengomhambi,Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.

12. Ngumntu olitshijolo, ngumntu okhohlakeleyo,Lowo uhamba ngokujibiliza komlomo wakhe;

13. Útyanda ngoshiyi, uqhubukusha ngeenyawo,Walatha ngophakathi wakhe.

14. Yimpenduka entliziyweni yakhe, uyila ububi ixesha lonke,Úngenisa ingxabano.

15. Ngenxa yoko kuya kufika ngesiquphe ukusindeka kwakhe;Úya kwaphuka ngephanyazo, angabi nakunyangwa.

16. Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova,Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe:

17. Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo;Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa;

18. Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga;Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini;

19. Lingqina elixokayo, elifutha amanga;Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.

20. Nyana wam, bamba umthetho kayihlo,Ungasilahli isiyalo sikanyoko.

21. Sibophe entliziyweni yakho okukanye,Usinxibe emqaleni wakho.

Imizekeliso 6