Imizekeliso 4:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Kuba badla isonka sokungendawo,Basele iwayini yogonyamelo.

18. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso,Okuya kúbà mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.

19. Indlela yabangendawo injengesithokothoko;Àbayazi into abakhubeka kuyo.

20. Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am;Intetho yam yithobele indlebe yakho.

21. Mayingemki emehlweni akho;Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.

22. Kuba ibubomi kwabayifumanayo,Nempiliso enyameni yabo yonke.

23. Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho;Kuba aphuma kuyo amathende obomi.

Imizekeliso 4