Imizekeliso 4:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo;Yicezele, ugqithe.

16. Kuba àbalali, ukuba àbathanga benze ububi;Bemkelwa bubuthongo ukuba àbathanga bakhubekise abanye.

17. Kuba badla isonka sokungendawo,Basele iwayini yogonyamelo.

18. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso,Okuya kúbà mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.

19. Indlela yabangendawo injengesithokothoko;Àbayazi into abakhubeka kuyo.

Imizekeliso 4