13. Ufuna uboya begusha neflakisi,*Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe.
14. Unjengeenqanawa zabarhwebi,Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe.
15. Uvuka kwasebusuku,Ayinike into edliwayo indlu yakhe,Awunike umsebenzi wawo umthinjana wakhe.
16. Unkqangiyela intsimi ayizuze;Ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya.
17. Ubhinqa amandla emanqeni akhe,Ayomeleze imikhono yakhe.