Imizekeliso 31:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo?Lingaphezulu nakwikorale* ixabiso lakhe.

11. Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe,Ayisayi kuswela nto.

12. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,Yonke imihla yobomi bakhe.

13. Ufuna uboya begusha neflakisi,*Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe.

14. Unjengeenqanawa zabarhwebi,Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe.

15. Uvuka kwasebusuku,Ayinike into edliwayo indlu yakhe,Awunike umsebenzi wawo umthinjana wakhe.

16. Unkqangiyela intsimi ayizuze;Ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya.

Imizekeliso 31