Imizekeliso 30:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Iimbovane ngabantu abangenamandlaKanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;

26. Iimbila ngabantu abangòmeleleyo,Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;

27. Iinkumbi azinakumkani,Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;

28. Icilitshe ùnako ukulibamba ngezandla,Kanti lisemabhotweni ookumkani.

29. Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa,Hayi, ziné ezilungisayo ukuhamba:

30. Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho ziné,Elingabuyi umva phambi kweento zonke;

31. Yinja elingesi; nokuba yinkunzi yebhokhwe;Ngukumkani enomkhosi wakhe.

32. Ukuba ùthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa,Nokuba uthe wankqangiyela,Beka isandla emlonyeni.

33. Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi,Ukucofa impumlo kuvelisa igazi,Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.

Imizekeliso 30