Imizekeliso 30:23-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda;Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.

24. Izinto ziné ezincinane emhlabeni,Kanti zilumke kakhulu:

25. Iimbovane ngabantu abangenamandlaKanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;

26. Iimbila ngabantu abangòmeleleyo,Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;

27. Iinkumbi azinakumkani,Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;

28. Icilitshe ùnako ukulibamba ngezandla,Kanti lisemabhotweni ookumkani.

29. Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa,Hayi, ziné ezilungisayo ukuhamba:

30. Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho ziné,Elingabuyi umva phambi kweento zonke;

31. Yinja elingesi; nokuba yinkunzi yebhokhwe;Ngukumkani enomkhosi wakhe.

32. Ukuba ùthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa,Nokuba uthe wankqangiyela,Beka isandla emlonyeni.

Imizekeliso 30