17. Iliso eligculela uyise,Lidele ukumlulamela unina,Aya kulikrukra amahlungulu asemlanjeni,Alidle amathole exhalanga.
18. Izinto zintathu ezibalulekileyo kum;Hayi, ziné endingenakuzazi:
19. Yindlela yexhalanga esibhakabhakeni,Yindlela yenyoka etyeni,Yindlela yenqanawa esazulwini solwandle,Yindlela yomfo nentombi.
20. Injalo indlela yomfazi okrexezayo:Uyadla, asule umlomo,Athi, Andenzanga bubi.
21. Ngaphantsi kwezinto ezintathu umhlaba uyanyikima,Ngaphantsi kweziné ukhohliwe kukuthwala:
22. Ngaphantsi kwesicaka, xa sithe sangukumkani;Nesidenge, xa sithe sahlútha sisonka;
23. Ngaphantsi kwesigele sentombi, xa sithe senda;Nesicakakazi xa sithe sadla ilifa lenkosikazi yaso.
24. Izinto ziné ezincinane emhlabeni,Kanti zilumke kakhulu:
25. Iimbovane ngabantu abangenamandlaKanti zilungisa ukudla kwazo ehlotyeni;
26. Iimbila ngabantu abangòmeleleyo,Kanti zimisa izindlu zazo emaweni;
27. Iinkumbi azinakumkani,Kanti ziphuma zingamaqela ngamaqela zonke;
28. Icilitshe ùnako ukulibamba ngezandla,Kanti lisemabhotweni ookumkani.
29. Izinto zintathu ezihamba ngokunyalasa,Hayi, ziné ezilungisayo ukuhamba: