18. Bungumthi wobomi kwababambelela kubo,Únoyolo obubambayo.
19. UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko,Walizinzisa izulu ngengqondo.
20. Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe,Savuza umbethe isibhakabhaka.
21. Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho:Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.
22. Zóba bubomi emphefumlweni,Nento entle emqaleni wakho.
23. Ùya kwandula uhambe ngendlela yakho úkholosile.Lungabetheki unyawo lwakho.
24. Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya;Wòlala, bube mnandi ubuthongo bakho.
25. Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe,Nasithonga sabangendawo, sakufika.