Imizekeliso 3:11-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa,Ungakruquki sisohlwayo sakhe;

12. Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya,Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.

13. Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!

14. Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere,Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.

15. Bunqabile bona ngaphezu kwekorale,*Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.

16. Imihla emide isesandleni sabo sokunene,Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko.

17. Iindlela zabo ziindlela ezimnandi,Wonke umendo wabo uluxolo.

18. Bungumthi wobomi kwababambelela kubo,Únoyolo obubambayo.

19. UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko,Walizinzisa izulu ngengqondo.

20. Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe,Savuza umbethe isibhakabhaka.

21. Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho:Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.

22. Zóba bubomi emphefumlweni,Nento entle emqaleni wakho.

23. Ùya kwandula uhambe ngendlela yakho úkholosile.Lungabetheki unyawo lwakho.

24. Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya;Wòlala, bube mnandi ubuthongo bakho.

25. Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe,Nasithonga sabangendawo, sakufika.

Imizekeliso 3