2. Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu;Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
3. Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise;Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4. Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko;Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
5. Umfo ocengacenga ummelwane wakheUthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
6. Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo;Ke lona ilungisa limemelela livuye.
7. Ilungisa liyalazi ibango lesisweli;Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.