Imizekeliso 29:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.

16. Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.

17. Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.

18. Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!

19. Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.

20. Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.

21. Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakheUya kwenelwa lukhula ekupheleni.

22. Indoda enomsindo ixhaya ingxabano;Umntu onobushushu uzele lukreqo.

23. Ikratshi lomntu liya kumthoba;Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.

Imizekeliso 29