Imizekeliso 29:13-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana;Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.

14. Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso,Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.

15. Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.

16. Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.

17. Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.

18. Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!

19. Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.

20. Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.

21. Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakheUya kwenelwa lukhula ekupheleni.

22. Indoda enomsindo ixhaya ingxabano;Umntu onobushushu uzele lukreqo.

23. Ikratshi lomntu liya kumthoba;Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.

24. Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe;Uyasiva isishwabulo, angaxeli.

25. Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo;Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.

26. Baninzi abafuna ubuso bomlawuli;Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.

Imizekeliso 29