Imizekeliso 29:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso,Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.

12. Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki,Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.

13. Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana;Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.

14. Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso,Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.

15. Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.

16. Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.

17. Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.

18. Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!

19. Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.

20. Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.

Imizekeliso 29