Imizekeliso 29:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Indoda eyohlwaywa futhi, íyenze lukhuni intamo yayo,Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.

2. Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu;Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.

3. Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise;Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.

4. Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko;Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.

5. Umfo ocengacenga ummelwane wakheUthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.

6. Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo;Ke lona ilungisa limemelela livuye.

Imizekeliso 29