1. Indoda eyohlwaywa futhi, íyenze lukhuni intamo yayo,Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
2. Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu;Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
3. Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise;Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4. Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko;Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
5. Umfo ocengacenga ummelwane wakheUthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
6. Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo;Ke lona ilungisa limemelela livuye.