Imizekeliso 28:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa,Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.

19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlútha sisonka;Osukela izinto ezingento uya kuhlútha bubuhlwempu.

20. Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi;Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.

21. Ukukhetha ubuso akulungile;Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angáde aphosise.

22. Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba;Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.

23. Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo,Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.

24. Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo,Ulidlelane lendoda engumonakalisi.

25. Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano;Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.

26. Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge;Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.

27. Opha ihlwempu akasweli;Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.

28. Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu;Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.

Imizekeliso 28