11. Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo;Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.
12. Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko;Ekuphakameni kwabangendawo, àbaveli nokuvela abantu.
13. Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo;Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.
14. Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya;Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.
15. Uyingonyama egqumayo, uyibhere* ebhaduliswa kukulamba,Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.
16. Hayi, ingànga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi!Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.
17. Umntu onovalo ngegazi lomphefumloUsabela nasemhadini; makangabanjezelwa.
18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa,Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.
19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlútha sisonka;Osukela izinto ezingento uya kuhlútha bubuhlwempu.
20. Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi;Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.
21. Ukukhetha ubuso akulungile;Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angáde aphosise.