1. Basaba bengasukelwa nto abangendawo;Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.
2. Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo;Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.
3. Umfo oyintloko ekucudiseni izisweliYimvula etshayelayo, ingasalisi kudla.
4. Abashiya umyalelo badumisa abangendawo;Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.
5. Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni;Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.
6. Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo,Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.
7. Obamba umyalelo ngunyana onengqondo;Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.
8. Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso,Ubuthela obabala izisweli.
9. Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo,Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.