1. Musa ukuqhayisa ngemini yangomso;Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.
2. Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo;Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo.
3. Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi;Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.
4. Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango;Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo?
5. Kulungile ukohlwaywa ekuhléniNgaphezu kothando olusitheleyo.