Imizekeliso 25:4-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Longule igwebu esilivereni,Kuvele isitya somnyibilikisi;

5. Shenxisa abangendawo ebusweni bokumkani,Yozinza itrone yakhe ngobulungisa.

6. Musa ukudokozelisa ilizwi phambi kokumkani,Ungazimisi endaweni yabakhulu.

7. Kuba kulungile ukuba kuthiwe kuwe, Nyukela apha,Kunokuba uthotywe phambi kwenene,Alibonileyo amehlo akho.

8. Musa ukuphuma ungxamile, ukuya ekubambaneni nomnye,Hleze kuthiwe, Wòthini na emveni koko?Xa kaloku akuhlazileyo ummelwane wakho.

9. Ubambené nommelwane wakho, bambana naye;Ke ucweyo lomnye musa ukuluhlakaza,

10. Hleze akuhlaze oluvayo,Lungabi sabuya lusuke udaba lwakho olubi.

11. Ziilamuni zegolide kwizitya zesilivere ezimakhazikhaziIlizwi elithethwe latyapha.

12. Úlijikazi legolide, nezidanga zegolide ezicikizekileyoUmohlwayi olumkileyo ezindlebeni ezinokuva.

13. Sínjengokuphozisa kwekhephu ngemini yokuvunaIsigidimi esinyanisileyo kwabasithumileyo:Siyawubuyisa umphefumlo wenkosi yaso.

14. Úngamafu anomoya, angenamvula,Umntu oqhayisa ngesipho esikhohlisayo.

15. Umlawuli uyarhwebesheka ngokuzeka kade umsindo;Ulwimi oluthambileyo lwaphula ithambo.

16. Ufumené ubusi, yidla obukulingeneyo,Hleze udikwe, ubuhlanze.

17. Malungayi futhi unyawo lwakho endlwini yommelwane wakho,Hleze adikwe nguwe, akuthiye.

18. Sisando, likrele, lutolo olutsolileyo,Indoda engqina ubungqina obubuxoki ngommelwane wayo.

19. Lizinyo eliqhuzukileyo, lunyawo olukrunekileyo,Ukukholosa ngenginingini ngemini yembandezelo.

20. Olahla ingubo yokwaleka ngemini yengqele, nqwa kwaneviniga egalelwe kwisoda,*Kwanovuma iingoma kontliziyo imbi.

21. Ukuba okuthiyileyo úthe walamba, mphe ukudla adle;Ukuba úthe wanxanwa, mseze amanzi;

22. Kuba ùfumba wena amalahle avuthayo entlokweni yakhe;UYehova wokuvuza.

Imizekeliso 25