1. Nale yimizekeliso kaSolomon, awayihlanganisayo amadoda kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda.
2. Luzuko lukaThixo ukuyisithelisa into;Luzuko lokumkani ukuyigocagoca.
3. Izulu ngokuphakama, umhlaba ngobunzulu,Nentliziyo yokumkani asinto inokugocwagocwa.
4. Longule igwebu esilivereni,Kuvele isitya somnyibilikisi;
5. Shenxisa abangendawo ebusweni bokumkani,Yozinza itrone yakhe ngobulungisa.
6. Musa ukudokozelisa ilizwi phambi kokumkani,Ungazimisi endaweni yabakhulu.