5. Amehlo akho ùya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje?Kuba bona buzenzela amaphiko,Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
6. Musa ukudla ukudla koliso libi,Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
7. Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa, únjalo yena;Úthi kuwe, Yidla usele,Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
8. Umthamo wakho owudlileyo ùya kuwuhlanza,Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
9. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi;Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
10. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala;Ungangeni emasimini eenkedama;