Imizekeliso 23:17-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni;Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;

18. Inene, kukho ikamva,Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.

19. Yiva, wena nyana wam, ulumke,Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.

20. Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini,Naphakathi kwamadla-kudla;

21. Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka;Kona ukozela kwambesa amajacu.

22. Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo,Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.

23. Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo;Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.

24. Úgcoba kakhulu uyise welungisa;Ozele isilumko uyavuya ngaso.

25. Makavuye uyihlo nonyoko,Agcobe umfazi owakuzalayo.

26. Ndínike intliziyo yakho, nyana wam,Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

Imizekeliso 23