7. Isityebi siya kuwalawula amahlwempu;Nobolekayo ngumkhonzi endodeni embolekayo.
8. Ohlwayela ubugqwetha, wovuna ubutshinga,Nentonga yokuphuphuma kwakhe umsindo yophela.
9. Oliso linobubele nguye osikelelekayo;Kuba kwisonka sakhe upha isisweli.
10. Gxotha umgxeki, iphume ingxabano,Kuthi bembe amaphike nokucukuceza.
11. Othanda ukuhlambuluka kwentliziyo,Omlomo unobabalo, umhlobo wakhe ngukumkani.
12. Amehlo kaYehova alondoloza ukwazi,Aphenule intetho yenginingini.
13. Ivila lithi, Kukho ingonyama phandle,Ndoncinithwa ezitratweni.
14. Sisihogo esinzulu umlomo wabafazi abangengabo;Obhavunyelwa nguYehova weyela khona.
15. Ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana;Intonga yokuqeqesha yokumkisa kuye.
16. Ocudisa isisweli, ukuba andise okwakhe,Nonika isityebi, uhlelwa yintswelo kuphela.
17. Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko,Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.
18. Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini;Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.
19. Ukuze Ă¹kholose ngoYehova,Ndikwazisile namhla wena lo.
20. Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko,Ezineengcebiso nokwazi,
21. Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso,Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?
22. Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli,Ungamtyumzi olusizana esangweni;
23. Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo,Awonakalise umphefumlo wabonĂ¡kalisa bona.
24. Musa ukuqhelana nomntu onomsindo,Ungahambi nendoda enobushushu,
25. Hleze ufunde iindlela zayo,Urhintyelise umphefumlo wakho.
26. Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla,Phakathi kwabamela into ebolekiweyo.