27. Ukuba ùthe akwaba nanto yakuhlawula,Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho?
28. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala,Abawenzáyo ooyihlo.
29. Ùyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? Inokuma phambi kokumkani;Ayinakuma phambi kwabantu abangenagama.