Imizekeliso 22:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini;Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.

19. Ukuze ùkholose ngoYehova,Ndikwazisile namhla wena lo.

20. Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko,Ezineengcebiso nokwazi,

21. Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso,Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?

22. Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli,Ungamtyumzi olusizana esangweni;

23. Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo,Awonakalise umphefumlo wabonákalisa bona.

24. Musa ukuqhelana nomntu onomsindo,Ungahambi nendoda enobushushu,

25. Hleze ufunde iindlela zayo,Urhintyelise umphefumlo wakho.

26. Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla,Phakathi kwabamela into ebolekiweyo.

27. Ukuba ùthe akwaba nanto yakuhlawula,Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho?

28. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala,Abawenzáyo ooyihlo.

Imizekeliso 22