Imizekeliso 21:23-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ogciné umlomo wakhe nolwimi lwakheUgcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.

24. Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe;Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.

25. Umnqweno wevila uyalibulala,Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.

26. Imini yonke linqwena linqwenile,Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.

27. Umbingelelo wabangendawo lisikizi;Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!

28. Ingqina elinamanga liyatshabalala;Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.

29. Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso;Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.

Imizekeliso 21