21. Ophuthuma ubulungisa nencebaWofumana ubomi nobulungisa nozuko.
22. Isilumko siyaqabela emzini wamagorha,Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.
23. Ogciné umlomo wakhe nolwimi lwakheUgcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.
24. Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe;Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.
25. Umnqweno wevila uyalibulala,Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.
26. Imini yonke linqwena linqwenile,Ke lona ilungisa liyapha lingavimbi.
27. Umbingelelo wabangendawo lisikizi;Kobeka phi na ke bakuwuzisa ngenxa yamanyala!
28. Ingqina elinamanga liyatshabalala;Ke yona indoda evayo ithetha kuphele.
29. Indoda engendawo iyingwanyalala ubuso;Ngothe tye oyiqondayo indlela yakhe.
30. Akukho bulumko, akukho ngqondo,Akukho cebo malungana noYehova.
31. Ihashe lilungiselwa imini yokulwa,Ke usindiso lona lunoYehova.