1. Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova;Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.
2. Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo;Umlinganisi weentliziyo nguYehova.
3. Ukwenza ubulungisa nokusesikweniKunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.
4. Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo,Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.
5. Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa;Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.
6-7. Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayoNgumphĂșnga ophephethekayo wabafuna ukufa.Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa;Ngokuba Ă bavumi ukwenza okusesikweni.
8. Iligosogoso indlela yendoda enetyala;Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.
9. Kulungile ukuhlala elungqamekweni oluphezu kwendlu,Kunokuhlala ndlwini-nye nomfazi onengxabano.