Imizekeliso 20:2-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani;Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe.

3. Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano;Ke zona izimathane zonke ziyavungama.

4. Ebusika ivila alilimi;Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto.

5. Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda,Kanti indoda enengqondo iyalirhola.

6. Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo;Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongáyifumanayo?

7. Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa,Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!

8. Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba,Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.

9. Ngubani na ongáthi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam,Ndihlambulukile esonweni sam?

10. Amatye ngamatye,* iiefa ngee-efa,*Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.

11. Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo,Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.

12. Indlebe evayo, neliso elibonayo,UYehova uzenzile ezo zinto zombini.

13. Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke;Vula amehlo akho, uhluthe kukudla.

14. Imbi, imbi! utsho othengayo;Emke, andule aqhayise.

15. Kukho igolide, neekorale* ezininzi;Ke yona impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi.

16. Thabatha ingubo yakhe omele omnye;Menze isibambiso ngenxa yabasemzini.

17. Sinencasa endodeni isonka sobuxoki;Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu.

18. Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano;Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.

19. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ungàdibani nepholopholo.

20. Otshabhisa uyise nonina,Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.

21. Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni,Ukuphela kwalo akunantsikelelo.

22. Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi;Thembela kuYehova, wókusindisa.

Imizekeliso 20