Imizekeliso 20:14-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Imbi, imbi! utsho othengayo;Emke, andule aqhayise.

15. Kukho igolide, neekorale* ezininzi;Ke yona impahla enqabileyo ngumlomo onokwazi.

16. Thabatha ingubo yakhe omele omnye;Menze isibambiso ngenxa yabasemzini.

17. Sinencasa endodeni isonka sobuxoki;Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu.

18. Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano;Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.

19. Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ungàdibani nepholopholo.

20. Otshabhisa uyise nonina,Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.

21. Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni,Ukuphela kwalo akunantsikelelo.

22. Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi;Thembela kuYehova, wókusindisa.

23. Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye;*Nesikali* esikhohlisayo asilungile.

24. Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda;Umntu angáthini na ukuyiqonda indlela yakhe?

25. Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele,Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.

26. Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo,Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.

27. Sisibane sikaYehova umphefumlo womntu,Siphengulula zonke iingontsi zombilini.

28. Inceba nenyaniso ilondoloza ukumkani;Uyixhasa itrone yakhe ngenceba.

29. Isihombo samadodana ngamandla awo;Ubuhle bamadoda amakhulu zizimvi.

30. Imivumbo etyabulayo iguxa ububi;Izibetho ziguxa iingontsi zombilini.

Imizekeliso 20