1. Ingumgxeki iwayini,singumxokozeli isiselo esinxilisayo;Bonke abayotywe yiyo àbalumkile.
2. Ngumgqumo onjengowengonyama entsha umothuso wokumkani;Omqumbisayo wona umphefumlo wakhe.
3. Kuluzuko endodeni ukuhlalela kude nengxabano;Ke zona izimathane zonke ziyavungama.
4. Ebusika ivila alilimi;Liyafuna ngexa lokuvuna, kungabikho nto.
5. Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda,Kanti indoda enengqondo iyalirhola.
6. Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo;Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongáyifumanayo?
7. Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa,Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!
8. Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba,Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.