Imizekeliso 2:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ukunkqangiyela kókugcina,Ukuqonda kókulondoloza;

12. Ukuba kukuhlàngule endleleni embi,Kubantu abathetha impenduka;

13. Kwabashiya umendo wokuthe tye,Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;

14. Kwabavuyela ukwenza ububi,Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;

15. Abamendo ujibilizayo,Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;

16. Ukuze uhlangulwe kumkamntu,Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;

17. Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe,Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.

18. Kuba útshona ekufeni nendlu yakhe,Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;

19. Bonke abangénayo kuye ababuyi,Abafiki kumendo wobomi:

Imizekeliso 2