Imizekeliso 2:10-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho,Ukwâzi kwenze mnandi umphefumlo wakho.

11. Ukunkqangiyela kókugcina,Ukuqonda kókulondoloza;

12. Ukuba kukuhlàngule endleleni embi,Kubantu abathetha impenduka;

13. Kwabashiya umendo wokuthe tye,Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;

14. Kwabavuyela ukwenza ububi,Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;

Imizekeliso 2