7. Bonke abazalwana behlwempu balithiyile;Zibeka phi na izihlobo ukuya kude kulo!Lisukela amazwi angento.
8. Orhweba ubulumko uthanda umphefumlo wakhe;Ogcina ingqondo uya kufumana okulungileyo.
9. Ingqina elixokayo alibi msulwa;Ofutha amanga uyatshabalala.
10. Akusifanele isinyabi ukudla ubuncwane;Kobeka phi na ke ukungamfaneli umkhonzi ukulawula abathetheli!
11. Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo;Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.
12. Kukugquma kwengonyama entsha ukujala kokumkani;Sinjengombethe emfunweni isisa sakhe.
13. Ngumeyeliselo kuyise unyana osisinyabi;Luqhoqhozo oluxikileyo ingxabano yomfazi.
14. Indlu nobutyebi lilifa looyise;Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.
15. Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu;Umphefumlo odangeleyo uyalamba.
16. Ogciné umthetho ugcine umphefumlo wakhe;Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.
17. Uboleka uYehova obabala isisweli;Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
18. Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;Kodwa ungangxameli kumbulala.
19. Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.
20. Live icebo, ulwamkele uqeqesho,Ukuze ulumke ngexesha elizayo.