26. Ombhuqayo uyise, omgxothayo unina,Ngunyana owenza okuziintloni, ongcikivayo.
27. Yeka, nyana wam, ukuthi uve uqeqesho,Kanti uya kusuka ulahlekane nentetho yokwazi.
28. Ingqina elilitshijolo ligxeka isiko;Umlomo wongendawo uginya ubutshinga.
29. Izigwebo zilungiselwe abagxeki;Imivumbo ilungiselwe umhlana wesinyabi.