17. Uboleka uYehova obabala isisweli;Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
18. Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;Kodwa ungangxameli kumbulala.
19. Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.
20. Live icebo, ulwamkele uqeqesho,Ukuze ulumke ngexesha elizayo.
21. Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu;Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.
22. Umnqweno womntu yinceba yakhe;Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.
23. Ukoyika uYehova kusa ebomini;Onako uya kuhlala ehluthi.