Imizekeliso 19:15-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu;Umphefumlo odangeleyo uyalamba.

16. Ogciné umthetho ugcine umphefumlo wakhe;Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.

17. Uboleka uYehova obabala isisweli;Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.

18. Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;Kodwa ungangxameli kumbulala.

19. Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.

20. Live icebo, ulwamkele uqeqesho,Ukuze ulumke ngexesha elizayo.

21. Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu;Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.

22. Umnqweno womntu yinceba yakhe;Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.

23. Ukoyika uYehova kusa ebomini;Onako uya kuhlala ehluthi.

24. Ivila lisifaké isandla salo esityeni,Alibi sasibuyisela emlonyeni walo.

25. Umbethíle umgxeki, siba nobuqili isiyatha;Umohlwayíle onengqondo, wóqonda azi.

26. Ombhuqayo uyise, omgxothayo unina,Ngunyana owenza okuziintloni, ongcikivayo.

27. Yeka, nyana wam, ukuthi uve uqeqesho,Kanti uya kusuka ulahlekane nentetho yokwazi.

28. Ingqina elilitshijolo ligxeka isiko;Umlomo wongendawo uginya ubutshinga.

29. Izigwebo zilungiselwe abagxeki;Imivumbo ilungiselwe umhlana wesinyabi.

Imizekeliso 19