10. Akusifanele isinyabi ukudla ubuncwane;Kobeka phi na ke ukungamfaneli umkhonzi ukulawula abathetheli!
11. Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo;Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.
12. Kukugquma kwengonyama entsha ukujala kokumkani;Sinjengombethe emfunweni isisa sakhe.
13. Ngumeyeliselo kuyise unyana osisinyabi;Luqhoqhozo oluxikileyo ingxabano yomfazi.
14. Indlu nobutyebi lilifa looyise;Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.
15. Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu;Umphefumlo odangeleyo uyalamba.
16. Ogciné umthetho ugcine umphefumlo wakhe;Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.
17. Uboleka uYehova obabala isisweli;Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
18. Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;Kodwa ungangxameli kumbulala.
19. Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.
20. Live icebo, ulwamkele uqeqesho,Ukuze ulumke ngexesha elizayo.
21. Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu;Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.
22. Umnqweno womntu yinceba yakhe;Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.
23. Ukoyika uYehova kusa ebomini;Onako uya kuhlala ehluthi.
24. Ivila lisifaké isandla salo esityeni,Alibi sasibuyisela emlonyeni walo.
25. Umbethíle umgxeki, siba nobuqili isiyatha;Umohlwayíle onengqondo, wóqonda azi.