Imizekeliso 17:5-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo;Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.

6. Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana;Isihombo soonyana ngooyise.

7. Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo;Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.

8. Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo,Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.

9. Ugubungela isikreqo ofuna uthando;Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.

10. Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondoNgaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.

11. Oneenkani ufuna ububi bodwa;Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.

12. Kanye qubisana nebhere* ehluthwe amathole ayo,Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.

13. Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo,Àbuyi kusuka ububi endlwini yakhe.

14. Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano;Yiyeke imbambano kungekavunganyelwana.

15. Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa,Bangamasikizi kuYehova bobabini.

16. Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko,Singenantliziyo nje?

Imizekeliso 17