11. Oneenkani ufuna ububi bodwa;Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
12. Kanye qubisana nebhere* ehluthwe amathole ayo,Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
13. Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo,Àbuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
14. Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano;Yiyeke imbambano kungekavunganyelwana.
15. Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa,Bangamasikizi kuYehova bobabini.
16. Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko,Singenantliziyo nje?
17. Umhlobo uthanda ngamaxesha onke;Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
18. Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla,Ngomela umelo phambi kowabo.
19. Uthanda ukreqo othanda ukulwa;Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.
20. Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo;Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.
21. Ozala isinyabi uzizalela isingqala;Akanaluvuyo uyise wesidenge.
22. Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise;Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.
23. Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo,Ukuze agqwethe indlela esesikweni.
24. Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni;Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.
25. Úbubuhlungu bukayise unyana osisinyabi;Úbubukrakra kumzalikazi wakhe.