Imizekeliso 17:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungileNgaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.

2. Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni,Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.

3. Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide;Umcikidi weentliziyo nguYehova.

4. Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso,Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.

5. Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo;Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.

6. Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana;Isihombo soonyana ngooyise.

7. Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo;Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.

8. Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo,Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.

27-28. Owanqandayo amazwi akhe unokwazi:Omoya upholileyo yindoda enengqondo.Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko;Singàwuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.

Imizekeliso 17