Imizekeliso 16:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano;Nentlebi yahlula amakholwane.

29. Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo,Imhambise ngendlela engalungileyo.

30. Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka;Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi.

31. Isithsaba sokuhomba zizimvi,Sifunyanwa endleleni yobulungisa.

32. Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha;Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.

Imizekeliso 16