Imizekeliso 16:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zezomntu izicwangciso zentliziyo;Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova.

2. Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo;Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.

3. Qengqela kuYehova izenzo zakho,Zizimasèke iingcinga zakho.

4. Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe,Kwanongendawo umenzéle imini yobubi.

5. Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo;Kakade ke, ababi msulwa.

6. Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa;Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.

7. Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda,Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.

8. Ilungile intwana encinane enobulungisa,Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.

9. Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe;NguYehova oyalela ukunyathelakwakhe.

10. Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani;Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe.

11. Isilinganiso nesikali* esisesikweni sesikaYehova;Asisenzo sakhe onke amatye* asengxoweni.

12. Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo,Kuba itrone izinziswa bubulungisa.

Imizekeliso 16