26. Zingamasikizi kuYehova iingcinga ezimbi;Ke ahlambulukile amazwi amnandi.
27. Uyihlisela ishwangusha indlu yakhe obawela inzuzo embi;Ke yena othiya isicengo, uya kuphila.
28. Intliziyo yelungisa iya kucamanga ukuphendula;Ke wona umlomo wabangendawo umpompoza ububi.
29. UYehova ukude nabangendawo;Ke wona umthandazo wamalungisa uyawuva.
30. Ukukhanya kwamehlo kuvuyisa intliziyo;Iindaba ezimnandi zityebisa amathambo.
31. Indlebe esivayo isohlwayo sobomiIhlala phakathi kwezilumko.