Imizekeliso 15:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova,Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba.

17. Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando,Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.

18. Indoda enobushushu ixhaya ingxabano;Ezeka kade umsindo idambisa imbambano.

19. Indlela yevila ngathi ibiyelwe ngemitholo;Ke umendo wabathe tye ubekelelwe.

20. Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;Umntu osisinyabi udela unina.

21. Ukumatha luvuyo koswele intliziyo;Ke indoda enengqondo ithi tye ukuhamba.

22. Iingcinga ziyatshitsha ngokungabikho kokucweya;Ke zona zima ngamaphakathi amaninzi.

23. Indoda inovuyo ngempendulo yomlomo wayo;Ilizwi elithethwe ngexa elililo, azi lihle!

24. Koqiqayo umendo wobomi usinga phezulu,Ukuze emke kwelabafileyo elingaphantsi.

Imizekeliso 15