21. Omdelayo ummelwane wakhe uyona;Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!
22. Àbayi kulahleka yini na abayila ububi?Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.
23. Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo;Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.
24. Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo;Ukumatha kwezinyabi kukumatha.
25. Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo;Ke elifutha amanga liyinkohliso.
26. Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele,Abantwana bakhe baba nendawo yokuzímela.
27. Ukoyika uYehova lithende lobomi,Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.
28. Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani;Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.
29. Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi;Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.
30. Bubomi benyama intliziyo epholileyo;Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
31. Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso;Olibabalayo ihlwempu uyamzukisa.
32. Ongendawo uyangqulwa bububi bakhe;Ke ilungisa linehlathi ekufeni kwalo.
33. Entliziyweni yonengqondo buyaphumla ubulumko;Ke embilinini wesinyabi buyazazisa.
34. Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga;Isono lihlazo lezizwe.
35. Inkolelo yokumkani ikumkhonzi oqiqayo;Ukuphuphuma kwakhe umsindo kukowenza okuziintloni.