2. Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova;Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo.
3. Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi;Umlomo wezilumko uyazigcina.
4. Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba zé;Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo.
5. Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga;Ke lifutha amanga ingqina elixokayo.
6. Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi;Ukwâzi kulula konengqondo.
7. Suka ebusweni bendoda esisinyabi;Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.
8. Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe;Ukumatha kwezinyabi yinkohliso.
9. Idini letyala liyazigxeka izimathane;Phakathi kwabathe tye yimvisiswano.
10. Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo;Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo.
11. Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa;Ke intente yabathe tye iyatyatyamba.
12. Kukho indlela ethe tye phambi komntu,Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.